Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 33:24-28 Ibhayibhile (XHO96)

24. “Mntundini, bathi abantu abahlala kuloo mabhodlo akwaSirayeli: ‘UAbraham yayikukuphela kwakhe, kodwa ilizwe lalilelakhe lonke. Kanti thina sibaninzi, makube ilizwe silinikiwe ukuba libe lelethu lonke.’

25. “Ke ngoko baxelele uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengokuba nisitya inyama enegazi nje, nithembele *nakwizithixo zenu eziqingqiweyo, niphalaza negazi, ngaba eli lizwe lingalelenu njani?

26. Nithe qhiwu ikrele; izenzo zenu zinezothe; ngamnye kuni ukrexeza nomfazi wommelwane wakhe. Ngaba eli lizwe lingalelenu njani?

27. “Baxelele wenjenje: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndikho nje ndiyafunga, amasalela akulaa mabhodlo aza kutyakatywa ngekrele. Abangaphandle kwesixeko ndiya kubanikezela emarhamncweni abaqwenge, abangene kwinqaba nasemiqolombeni baya kubulawa ngubhubhani.

28. Ilizwe ndiya kulenza libe yinkangala yentlango, aphele amandla ebelizingca ngawo, nakwiintaba zakwaSirayeli kuya kuba sebugxwayibeni, kungabikho mntu unqumlayo kuzo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 33