Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 33:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, thetha nabantu bakuni uthi: Ndakuthumela ikrele elizweni, baze abantu balo bakhethe omnye wabo ukuba abe ngumlindi,

3. athi akubona ikrele lisiza kwenzakalisa isizwe asuke avuthele ixilongo ukulumkisa isizwe;

4. ke othe waliva ixilongo kodwa akahoya, laza lafika lona ikrele lamtyakatya wafa, ityala lelakhe.

5. Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.

6. Kodwa ukuba uthe umlindi, elibona ikrele lisiza, akalivuthela ixilongo ukulumkisa abantu, laza ikrele lafika labulala omnye wabo, lowo uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe liya kuba lelomlindi.

7. “Mntundini, wena ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngoko phulaphula amazwi endiwathetha kuwe, uze ubalumkise.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 33