Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 33:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, thetha nabantu bakuni uthi: Ndakuthumela ikrele elizweni, baze abantu balo bakhethe omnye wabo ukuba abe ngumlindi,

3. athi akubona ikrele lisiza kwenzakalisa isizwe asuke avuthele ixilongo ukulumkisa isizwe;

4. ke othe waliva ixilongo kodwa akahoya, laza lafika lona ikrele lamtyakatya wafa, ityala lelakhe.

5. Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.

6. Kodwa ukuba uthe umlindi, elibona ikrele lisiza, akalivuthela ixilongo ukulumkisa abantu, laza ikrele lafika labulala omnye wabo, lowo uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe liya kuba lelomlindi.

7. “Mntundini, wena ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngoko phulaphula amazwi endiwathetha kuwe, uze ubalumkise.

8. Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Inene, uza kufa, sikhohlakalindini,’ uze wena ungathethi naye umnqande kubugwenxa bakhe, ade yena afele esonweni sakhe, ityala lokufa kwakhe ndiya kulibeka kuwe.

9. Kodwa ukuba umntu okhahlakeleyo umnqandile kubugwenxa bakhe, waza akakuva, uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa wena uya kuba ubuhlangule ekufeni ubomi bakho.

10. “Mntundini, xelela indlu kaSirayeli uthi: ‘Nina nithi: Iziphoso zethu nezono zethu zingumthwalo onzima phezu kwethu; siyangcungcutheka ngenxa yazo. Siya kuthini na ke ukuze sisinde?’

11. Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 33