Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 32:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Osuka angcwenge amanzi,imilambo iqukuqele ngathi ngamafutha omnquma,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

15. Xa ndiyibharhisayo iJiputakube sebugxwayibeni kanye,xa ndibhubhisa konke khona,baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

16. “Esi sililo siya kwenzelwa yona. Siya kwenziwa ziintombi zezizwe, sisenzelwa iJiputa nezihlwele zayo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

17. Ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni, kunyaka weshumi elinambini, ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18. “Mntundini, zenzele isijwili izihlwele zaseJiputa, uzithobele phantsi komhlaba kunye nezizwe ezinamandla, behle bangene kwelabafileyo kunye nâbo bangena khona.

19. Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’

20. Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.

21. Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’

22. “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.

23. Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 32