“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Mhla watshona kwelabafilyo, imithombo ndayithi wambu ngokuwuzilela, ndayinqumamisa imilanjana yayo, aza amanzi ayeka ukunkcenkceza. Ngokunjalo iLebhanon ndayithi gqume ngobumnyama, yaza yonke imithi endle yabuna.