Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 3:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Waza wathi kum: “Mntundini, phulaphula kakuhle, uze uwagcine onke amazwi endiwathetha kuwe.

11. Hamba ke ngoku, uye kumawenu angabathinjwa, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, yitsho nokuba ayaphulaphula, okanye akaphulaphuli.”

12. Wasuka uMoya wandifunqula, ndaza ndeva isandikazi sizongoma emva kwam: “Mabudunyiswe ubungangamsha bukaNdikhoyo ekhayeni lakhe!”

13. Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo.

14. Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.

15. Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.

16. Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi:

17. “Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam.

18. Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 3