Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. IJiputa iya kuba lilizwe elisebugxwayibeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.“Kaloku uthe: ‘INayile yeyam; ndazidalela mna ngokwam.’

10. Ndiyalwa nawe ke ngoko, wena nemisinga yomlambo wakho. Ndiza kulitshabalalisa izwe laseJiputa, libe yinkangala ukusuka eMigidoli naseAswan kuye kuthi gaa ngemida yaseKushe.

11. Akusayi kucanda mntu nasilo kulo; akusayi kuhlala mntu iminyaka engamashumi amane.

12. Ilizwe laseJiputa ndiya kulenza libe bubugxwayiba phakathi kwamazwe abubugxwayiba, nezixeko zalo ziya kuba ngamanxuwa njengezinye iminyaka engamashumi amane. Wona amaJiputa ndiza kuwenza abhacele ezizweni, agqibe onke amazwe.

13. “Kanti itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Emva kweminyaka engamashumi amane ndiya kuwaqokelela amaJiputa ezizweni ebebhacele kuzo.

14. Ndiya kuwaphuthuma ekuthinjweni, ndiwabuyisele ePatro, ilizwe lookhokho bawo. Apho aya kuba sisizwana nje.

15. Aya kuba sesona sizwana siphantsi esingasokuze sibuye sibaluleke kwezinye izizwe. Ndiya kusibetha kangangokuba singaze siphinde sizilawule ezinye izizwe.

16. IJiputa ayisoze iphinde ibe yindawo azigwagwisa ngayo amaSirayeli, kodwa iya kuhlala isisikhumbuzo sesono sawo sokucela uncedo kuyo. Baya kundazi ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo iNgangalala.”

17. Ngomhla wokuqala wenyanga yokuqala yonyaka wamashumi amabini anesixhenxe wathi kum uNdikhoyo:

18. “Mntundini, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wawufunza ngamandla umkhosi wakhe kwimfazwe yaseTire. Atsho amadoda akhuthuka iintloko, atyabuka amagxalaba. Kodwa umkhosi wakhe zange uzuze nto kuloo mfazwe yaseTire.

19. Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: IJiputa ndiza kuyinikezela kuNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, ukuze abuthimbe bonke ubutyebi bayo. Uya kuthimba yonke into enexabiso kwelo zwe, ibe ngumvuzo wokubulaleka komkhosi wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29