Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ilizwe laseJiputa ndiya kulenza libe bubugxwayiba phakathi kwamazwe abubugxwayiba, nezixeko zalo ziya kuba ngamanxuwa njengezinye iminyaka engamashumi amane. Wona amaJiputa ndiza kuwenza abhacele ezizweni, agqibe onke amazwe.

13. “Kanti itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Emva kweminyaka engamashumi amane ndiya kuwaqokelela amaJiputa ezizweni ebebhacele kuzo.

14. Ndiya kuwaphuthuma ekuthinjweni, ndiwabuyisele ePatro, ilizwe lookhokho bawo. Apho aya kuba sisizwana nje.

15. Aya kuba sesona sizwana siphantsi esingasokuze sibuye sibaluleke kwezinye izizwe. Ndiya kusibetha kangangokuba singaze siphinde sizilawule ezinye izizwe.

16. IJiputa ayisoze iphinde ibe yindawo azigwagwisa ngayo amaSirayeli, kodwa iya kuhlala isisikhumbuzo sesono sawo sokucela uncedo kuyo. Baya kundazi ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo iNgangalala.”

17. Ngomhla wokuqala wenyanga yokuqala yonyaka wamashumi amabini anesixhenxe wathi kum uNdikhoyo:

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29