Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 26:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndiza kuyiphelisa intsholo yeengoma kuwe, kwaye ayisokube iphinde iviwe intsholo yezikhalisi zakho.

14. Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”

15. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiTire: “Ngaba bebengangcangcazeli na sisandi sokuwa kwakho abemi phezu konxweme, naxa isitsho incwina yeengxwelerha xa ikrele lisidla kuwe?

16. Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 26