Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 26:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wokuqala enyangeni ngonyaka weshumi elinanye, ndeva izwi *likaNdikhoyo lisithi kum:

2. “Mntundini, iTire ihlekise ngeJerusalem yathi: ‘Tshotsho uvuleke, sangondini eliya ezizweni! Iingcango zakho zivulelwe mna. Njengoko sewulinxuwa wena ndiza kuchuma mna.’

3. Ngenxa yoko mna Ndikhoyo iNkosi ndithi: Ndikuchasile, Tire, ndaye ndiza kukufunza ngentlaninge yezizwe, zibe ngathi ngamaza olwandle olulwayo.

4. Ziya kuzidiliza iindonga neenqaba zaseTire. Ndiya kukutshayela ke konke okudiliziweyo, iTire isale ilulwalwa,

5. ibe yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Kaloku ndithethile mna, itsho iNkosi uNdikhoyo. Iya kuba lixhoba lezizwe,

6. nezithanga zayo ezithe qelele nolwandle zitshabalale likrele. Xa kunjalo ke baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

7. Kaloku iNgangalala uNdikhoyo ithi: “ITire ndiya kuyithumela ngoNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli – ewe, ikumkani yeekumkani. Uya kuvela ngasentla namahashe neenqwelo zakhe zemfazwe, nebubu lomkhosi olunamadoda akhwele emahashini.

8. Uya kuzingena ngekrele izithanga zakho ezimgama nolwandle. Uya kukungqinga, azayame ngezikanisi iindonga zakho, azikhusele.

9. Iindonga zakho uya kuzingquzula ngezidilizi zakhe, itsho iwe phantsi imibhontshontsho yakho.

10. Amahashe akhe aya kuba maninzi kangangokuba aya kutsho likugubungele uthuli. Izingqi zamahashe emfazwe nengxolo yeenqwelo zokulwa iya kutsho zishukume iindonga zakho xa engena emasangweni akho ngokwamadoda engena esixekweni esindonga ziqhekekileyo.

11. Amanqina amahashe akhe aya kuzixobonga zonke izitalato; abantu bakho úya kubabulala ngekrele; zize ezo ntsika zomeleleyo ziwe bhuma emhlabeni.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 26