Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Kwakukho abafazi ababini abâzalwa beziintombi zomfazi omnye.

3. Babengamahenyukazi kwaseJiputa beselula. Apho kwelo zwe babephathwa-phathwa amabele, becofwa-cofwa iingono.

4. Igama lalo mkhulu lalinguOhola, udade wabo omncinane inguOholibha. Yayingabam, baza bandizalela oonyana neentombi. UOhola yiSamariya, uOholibha yiJerusalem.

5. “UOhola wabuqala ubuhenyukazi esengowam, wasemva kwezithandwa zakhe, ama-Asiriya, amadoda omkhosi,

6. wona egaxele impahla yawo ezuba; ewe, abalawuli nabaphathi-mkhosi, onke ingamagatyana anomkhitha nomfaneleko xa ekhwele emahashini awo.

7. Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.

8. Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.

9. “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23