Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Kwakukho abafazi ababini abâzalwa beziintombi zomfazi omnye.

3. Babengamahenyukazi kwaseJiputa beselula. Apho kwelo zwe babephathwa-phathwa amabele, becofwa-cofwa iingono.

4. Igama lalo mkhulu lalinguOhola, udade wabo omncinane inguOholibha. Yayingabam, baza bandizalela oonyana neentombi. UOhola yiSamariya, uOholibha yiJerusalem.

5. “UOhola wabuqala ubuhenyukazi esengowam, wasemva kwezithandwa zakhe, ama-Asiriya, amadoda omkhosi,

6. wona egaxele impahla yawo ezuba; ewe, abalawuli nabaphathi-mkhosi, onke ingamagatyana anomkhitha nomfaneleko xa ekhwele emahashini awo.

7. Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.

8. Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.

9. “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.

10. Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.

11. “Udade wabo uOholibha wakubona konke oku, kodwa wagabadela kunodade wabo ngobufebe nobuhenyukazi.

12. Naye wafeba nama-Asiriya, abalawuli nabaphathi-mkhosi, amadoda omkhosi egaxele impahla yawo, ekhwele emahashini awo, onke ingamagatyana anomkhitha.

13. Naye ndambona ezinyelisa ngokuhamba ngekhondo lodade wabo.

14. “Wade wagqithisa. Wabona imifanekiso yamadoda aseBhabheli izotywe eludongeni ngepeyinti ebomvu,

15. ebhinqe iibhanti zawo, ethwele iiqhiya ezibhabha emoyeni, yaza yanga ngamagosa omkhosi weenqwelo zokulwa zaseBhabheli, amaKaledi ngokwawo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23