Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 22:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. unetyala ngenxa yegazi oliphalazileyo, wazigqwalisa ngezithixo oziqingqileyo. Iintsuku zakho zifezekile, nesiphelo seminyaka yakho sesisondele. Ngako oko ndiza kukwenza into ephoxekileyo phakathi kweentlanga, ube yintlekisa emazweni onke.

5. Uya kuphoxwa ngabakufutshane nabakude, sixekondini esidume kakubi, nesizele luqhushululu.

6. “Khangela iinkosi zakwaSirayeli ezihlala kuwe zisebenzisa amagunya azo ukuze ziphalaze igazi.

7. Kuwe, Jerusalem, abantwana ababenzeli imbeko ooyise noonina. Bayacinezelwa abangeneleli; ziphathwa kakubi iinkedama nabahlolokazi.

8. Zideliwe izinto ezinikelwe kum, yaxajelwa *iMihla yam yokuPhumla.

9. Apho kuwe kunyakazela amadoda anolwimi, azimisele ukuphalaza igazi; apho kuwe kuhlala abantu abadla kwizibingelelo zasezintabeni, benze neentlondi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 22