Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 22:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18. “Mntundini, indlu kaSirayeli xa iyonke kum seyinjengentlenge yobhedu, nenkcenkce, nesinyithi, nelothe. Ewe, injengentlenge yesiliva esele kwiziko lokunyibilikisa.

19. Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengoko niyintlenge ndiza kunibutha nonke, ndinibuthele eJerusalem.

20. Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise.

21. Ndiya kunibutha ndinivuthele ngomsindo wam ovuthayo, ninyibilikele eJerusalem.

22. Niya kunyibilikela kuyo nixele isiliva inyibilikela eziko. Xa kunjalo ke niya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndiwukhuphele kuni umsindo wam.”

23. Kwakhona ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24. “Mntundini, yithi kweli lizwe: ‘Ungumhlaba ongafumananga zimvula namikhwitsho ngexesha lengqumbo.’

25. Kukho iyelenqe leenkosana zawo elifana noburhalarhume bengonyama egqumayo, iqwenga ixhoba. Ziyabaqwenga abantu, zibaphanga izinto zabo zexabiso, zitsho ilizwe lazala ngabahlolokazi.

26. Ababingeleli balo mhlaba bayawugqwetha umthetho wam; bayazixabhela izinto ezinikelwe kum; abahluli phakathi kwento eyodwa nento nje; abawucacisi umahluko phakathi kwento enomlaza nenyulu; abakukhathalele ukuhlonitshwa *koMhla woPhumlo; ngoko nditsho ndanyeliseka phakathi kwabo.

27. Amagosa alo mhlaba anjengeengcuka eziqwenga amaxhoba: aphalaza igazi, abulale abantu, asekeleze inzuzo yobutshijolo.

28. Ezi zenzo abashumayeli bazihombisa ngemibono engeyonyani nangezihlabo zobuxoki, besithi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo,’ abe uNdikhoyo engakhange athethe.

29. Abantu balo mhlaba bayabaxhaphaza abanye; bayabakhuthuza nokubakhuthuza; bayawacinezela amahlwempu neembedlenge; bayabadlakathisa abangeneleli, babaphathe ngokungekho mthethweni.

30. “Ndafuna phakathi kwabo indoda yokwakha udonga, ize ime esikrobeni phambi kwam, imele ilizwe, ukuze mna ndingalitshabalalisi; kodwa andiyifumani.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 22