Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 22:12-26 Ibhayibhile (XHO96)

12. Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.

13. “Ngokwenene mna ndiya khamnqa ngenxa yengeniselo yakho yobuqhetseba nokuphalaza kwakho igazi.

14. Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.

15. Ndiya kukusarhaza phakathi kweentlanga, utsho uphalale kwamanye amazwe; kunjalo nje ndiza kuwuphelisa umlaza onawo.

16. Zakukubona uxabhelekile ezinye izizwe uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

17. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18. “Mntundini, indlu kaSirayeli xa iyonke kum seyinjengentlenge yobhedu, nenkcenkce, nesinyithi, nelothe. Ewe, injengentlenge yesiliva esele kwiziko lokunyibilikisa.

19. Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengoko niyintlenge ndiza kunibutha nonke, ndinibuthele eJerusalem.

20. Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise.

21. Ndiya kunibutha ndinivuthele ngomsindo wam ovuthayo, ninyibilikele eJerusalem.

22. Niya kunyibilikela kuyo nixele isiliva inyibilikela eziko. Xa kunjalo ke niya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndiwukhuphele kuni umsindo wam.”

23. Kwakhona ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24. “Mntundini, yithi kweli lizwe: ‘Ungumhlaba ongafumananga zimvula namikhwitsho ngexesha lengqumbo.’

25. Kukho iyelenqe leenkosana zawo elifana noburhalarhume bengonyama egqumayo, iqwenga ixhoba. Ziyabaqwenga abantu, zibaphanga izinto zabo zexabiso, zitsho ilizwe lazala ngabahlolokazi.

26. Ababingeleli balo mhlaba bayawugqwetha umthetho wam; bayazixabhela izinto ezinikelwe kum; abahluli phakathi kwento eyodwa nento nje; abawucacisi umahluko phakathi kwento enomlaza nenyulu; abakukhathalele ukuhlonitshwa *koMhla woPhumlo; ngoko nditsho ndanyeliseka phakathi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 22