Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 22:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi babamelwane, noomolokazana bawo, noodade bawo ngokooyise.

12. Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.

13. “Ngokwenene mna ndiya khamnqa ngenxa yengeniselo yakho yobuqhetseba nokuphalaza kwakho igazi.

14. Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.

15. Ndiya kukusarhaza phakathi kweentlanga, utsho uphalale kwamanye amazwe; kunjalo nje ndiza kuwuphelisa umlaza onawo.

16. Zakukubona uxabhelekile ezinye izizwe uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 22