Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 22:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, sigwebe, ewe, sigwebe esi sixeko siphalaza igazi! Sixelele zonke izenzo zaso ezinezothe,

3. uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yeha, sixekondini esizibizela intshabalalo ngegazi eliphalazwa phakathi kuso nesizigqwalisa *ngezithixo eziqingqiweyo,

4. unetyala ngenxa yegazi oliphalazileyo, wazigqwalisa ngezithixo oziqingqileyo. Iintsuku zakho zifezekile, nesiphelo seminyaka yakho sesisondele. Ngako oko ndiza kukwenza into ephoxekileyo phakathi kweentlanga, ube yintlekisa emazweni onke.

5. Uya kuphoxwa ngabakufutshane nabakude, sixekondini esidume kakubi, nesizele luqhushululu.

6. “Khangela iinkosi zakwaSirayeli ezihlala kuwe zisebenzisa amagunya azo ukuze ziphalaze igazi.

7. Kuwe, Jerusalem, abantwana ababenzeli imbeko ooyise noonina. Bayacinezelwa abangeneleli; ziphathwa kakubi iinkedama nabahlolokazi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 22