25. “Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli.
26. Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.
27. Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.
28. “Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:“Ikrele, ikrele lokubulala,liyabengezela, lifuna emntwini,limenyezela okombane.
29. Nakuloo mibono ingeyonyani,mibono leyo ingawe,xa kuvunyiswa ngawe,wozitsheca iintamozabakhohlakeleyoabafanele ukubulawa;kuba imini yabo ifikile,ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.
30. Libuyisele ikrele esingxobeni salo;mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.
31. Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam,ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo.Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa,amachule kanye okubhubhisa.
32. Uya kutsha njengeenkuni emlilweni;igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu.Uya kulityalwa ukuba wakha wakho.Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”