Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 21:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kaloku ukumkani waseBhabheli uya kunqumama ekudibaneni kweendlela zombini, afune umqondiso. Uya kwenza amaqashiso ngeentolo, avumise kwizithixo zakhe; uya kujonga nasesibindini.

22. Iqashiso lesandla sasekunene liya kumalathisa eJerusalem, apho aya kumisa khona izigodo zokudiliza, ayalele ukuba ikrele malidle emntwini, ahlabe umkhosi wokudiliza amasango ngezigodo zakhe, akhe izikanisi ezayame iindonga zokunqabisa, asirhangqe isixeko.

23. Umqondiso uya kuba ngathi yimpazamo kwabo baya kuba bephantsi kolawulo lwakhe eJerusalem. Kodwa uya kubakhumbuza ngobutyala babo, abathimbe.

24. “Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.

25. “Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli.

26. Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.

27. Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.

28. “Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:“Ikrele, ikrele lokubulala,liyabengezela, lifuna emntwini,limenyezela okombane.

29. Nakuloo mibono ingeyonyani,mibono leyo ingawe,xa kuvunyiswa ngawe,wozitsheca iintamozabakhohlakeleyoabafanele ukubulawa;kuba imini yabo ifikile,ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.

30. Libuyisele ikrele esingxobeni salo;mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.

31. Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam,ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo.Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa,amachule kanye okubhubhisa.

32. Uya kutsha njengeenkuni emlilweni;igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu.Uya kulityalwa ukuba wakha wakho.Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 21