Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 21:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. eseyilungele ukugwaza,ibengezela okombane ulenyeza.Khawutsho, nyana,ngaba singavuya naumsimelelo ugeca yonk' imithi?

11. Ikrele selilungele ukusulwa ligudelize kuthiwa hlasi ngesandla;ewe, lilolwe labengezela,lilungele isandla somgwazi.

12. Khala wenze isijwili, mntundini,kuba liza kudla kubantu bam,liza kudla ezinkosini zakwaSirayeli.Ziza kuba sisisulu sekrele zona nabantu bam.Hlunguzelisa intloko wena;

13. luyeza lona uvavanyo.Bekutheni ukuze uwudele umsimelelo?Hayi, alusayi kuba nampumelelo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

14. Ngako oko shumayela, mntundini,ude ubethe ngesandla.Ikrele maligwaze kabini,okanye kude kube kathathu.Likrele lokutshabalalisa;ewe, ikrele lokubhubhisa liza kuvela macal' onke.

15. Ziya kugubha iintliziyonabafayo baya kuba yinyambalala,kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke.Awu! Liya kumenyezela okombane,kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.

16. Awu, krele, yidla kosekunene,udle kosekhohlo,nakuwo onke amacala.

17. Nam ngokwam ndiya kubetha ngesandla,nengqumbo yam iya kuthotha.Ndithethile mna Ndikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 21