Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 20:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. “Ngoko ke, mntundini, thetha nabantu bakwaSirayeli, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ooyihlo bandinyelisa ngokungathembeki.

28. “Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo.

29. Ndabuza ndathi kubo: ‘Sisiphi esi sibingelelo niquqela kuso?’ ” (Nanamhla oku kuthiwa sisibingelelo.Okanye “indawo ephakamileyo yonqulo”)

30. “Ke ngoko yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNgangalala *uNdikhoyo ukuthi: Ngaba niza kuzigqwalisa nixele ooyihlo, nilangazelela *izithixo ezinezothe?

31. Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.

32. “Nina nithi: ‘Sifuna ukufana nezinye iintlanga, nabanye abantu behlabathi abanqula umthi nelitye.’ Kodwa ayisokuze ihle loo nto niyifunayo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 20