Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 18:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Bantundini, nithetha ukuthini ezweni lakwaSirayeli xa nicaphula kweli qhalo lithi:“ ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada,suka kwabuthelezi amazinyo abantwana’?

3. “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, anisayi kuphinda nicaphule kweli qhalo kwaSirayeli.

4. Kaloku wonke ophilayo ngowam; nditsho uyise nonyana, bobabini ngabam ngokufanayo. Uya kufa umntu othe wona.

5. “Nanku umfo olilungisa,owenza okulungileyo kwaphela:

6. akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane,okanye alale nomfazi osexesheni;

7. akacinezeli mntu,kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;akanguye umphangi,koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;

8. akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.

9. Wenza ngokwemimiselo yam,anyaniseke ekugcineni imithetho yam.“Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 18