Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 17:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’

16. “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, úya kufela eBhabheli, kwilizwe laloo kumkani wayembekile waza wasidela isifungo asenze naye, wasaphula isivumelwano.

17. Ukumkani waseJiputa nomkhosi wakhe oqinileyo oyinyambalala akasayi kumnceda nganto emfazweni, xeshikweni kusakhiwa izikanisi nezinye izixhobo zokungqinga ukuze kufe inyambalala yabantu.

18. Usidelile isifungo ngokutyeshela umnqophiso. Akayi kusinda, kuba kaloku uzenza zonke ezi zinto ekubeni ebevumelene.

19. “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiyafunga, ndiza kumohlwaya kuba uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

20. Ndiza kumthiyela ngezabatha zam, ndimbambise. Ndiza kuza naye eBhabheli, ndize ndimohlwayele apho, kuba engathembekanga kum.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 17