Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 17:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12. “Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,

13. waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe,

14. khon' ukuze ubukumkani buhle, bungabi nakuphakama, bume buyiloo nto ngokugcinwa kwesivumelwano nokumkani waseBhabheli.

15. Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’

16. “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, úya kufela eBhabheli, kwilizwe laloo kumkani wayembekile waza wasidela isifungo asenze naye, wasaphula isivumelwano.

17. Ukumkani waseJiputa nomkhosi wakhe oqinileyo oyinyambalala akasayi kumnceda nganto emfazweni, xeshikweni kusakhiwa izikanisi nezinye izixhobo zokungqinga ukuze kufe inyambalala yabantu.

18. Usidelile isifungo ngokutyeshela umnqophiso. Akayi kusinda, kuba kaloku uzenza zonke ezi zinto ekubeni ebevumelene.

19. “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiyafunga, ndiza kumohlwaya kuba uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

20. Ndiza kumthiyela ngezabatha zam, ndimbambise. Ndiza kuza naye eBhabheli, ndize ndimohlwayele apho, kuba engathembekanga kum.

21. Wonke umkhosi wakhe osabayo uya kubulawa ngekrele, ize intsalela iphalale. Ngoko niya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile.

22. “INkosi uNdikhoyo ithi: Mna ngokwam ndiya kukha isebe eliphezulu lomsedare, ndilityale; ndiya kukha ingetye-ngetyana yesebe kwawona aphezulu emthini, ndilityale encotsheni yentaba ephakamileyo.

23. Ndiya kulityala kweleentaba zakwaSirayeli; liya kutsho ngamasebe, livelise iziqhamo, libe ngumsedare wodidi. Iintlobo-ntlobo zeentaka ziya kwakha iindlwana zazo kuwo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.

24. Yonke imithi yasendle iya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndiyawuwisa umthi omde, omfutshane ndiwenze ube mde. Ndiya wenza ubune umthi oluhlaza, ndiwuhlumise umthi obusowomile.“Ndithethile nje mna Ndikhoyo, ndiya kukwenza oko.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 17