Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 17:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, thetha ngesafobe, wenzele indlu kaSirayeli umzekeliso.

3. Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ELebhanon kwakha kwafika into enkulu yokhozi emaphiko omeleleyo, eentsiba zinde zishinyeneyo zimabala-bala, laza lee ngcu phezu komsedare,

4. lanqothula elona sebe liphezulu, lemka nalo, laya kwilizwe labarhwebi, laza lalityala kwesinye sezixeko zorhwebo.

5. Lathatha imbewu kwilizwe lenu, laya kuyityala kumhlaba otyebileyo. Layityala okomngcunube kwindawo enamanzi amaninzi,

6. yantshula yaba ngumdiliya omfutshane oxandileyo. Amasebe awo ajonga kulo ukhozi, kodwa zona iingcambu zahlala ngaphantsi. Yaba ngumdiliya oxandileyo ke, otsho ngamasebe ayokozela amagqabi.

7. “Kodwa lalukho nolunye ukhozi olumaphiko omeleleyo neentsiba ezishinyeneyo. Ke ngoku iingcambu zomdiliya zanabela ngakulo ukusuka kule ndawo umdiliya utyalwe kuyo, namasebe axandela kulo ukufuna amanzi.

8. Wawutyalwe kumhlaba otyebileyo, kufuphi namanzi amaninzi, ukuze uhlume, ukhule, uvelise iziqhamo, ube yinzwakazi yomdiliya.

9. “Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ngaba lo mdiliya uza kuchuma na? Awusayi kuncothulwa na lukhozi lokuqala, lunqothule zonke iziqhamo zawo, uze ubune? Amahlumelo awo onke aya kubuna. Xa uncothulwe emhlabeni akuyi kubakho mfuneko yandoda isisigantsontso okanye iqela labantu.

10. Khona ukuba uphinde watyalwa kwenye indawo uya kukhula na? Awukubuna mpela na xa kuthe kwavuthuza ulophu, ubune umi kuloo ndawo ubukhula kuyo?”

11. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12. “Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,

13. waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe,

14. khon' ukuze ubukumkani buhle, bungabi nakuphakama, bume buyiloo nto ngokugcinwa kwesivumelwano nokumkani waseBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 17