Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 16:47-63 Ibhayibhile (XHO96)

47. Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi.

48. Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.

49. “Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo.

50. Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo.

51. Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo.

52. Lithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho baxoleleka oodade wenu. Ngenxa yokokuba izono zakho bezizibi ngaphezu kwezabo, baba ngathi banobulungisa obungaphezu kobakho. Ngoko ke yiba neentloni, ulithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho oodade wenu banjengamalungisa.

53. “Kodwa ke noko ndiya kumbuyisela endaweni yakhe uSodom neentombi zakhe, ngokunjalo noSamariya neentombi zakhe, ngokunjalo nawe,

54. ukuze ulithwale ihlazo lakho lokwenza izinto ezitsho bazibona bengamalungisa.

55. Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu.

56. Xeshikweni useneqhayiya ubucekisa nokuthetha oku ngoSodom,

57. kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo.

58. Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.

59. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

60. Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli.

61. Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini.

62. Ndiza kuwuzinzisa umnqophiso wam nawe, ukuze wazi ukuba ndinguNdikhoyo.

63. Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 16