Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 14:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Ukuba umshumayeli uthe walukuhlwa washumayela into engeyiyo, uya kuba ulahlekiswe ndim Ndikhoyo. Ke mna ndiya kusolula isandla sam, ndimtshabalalise angabikho phakathi kwabantu bam amaSirayeli.

10. Baya kusithwala isono sabo – isono somshumayeli siya kulingana nesalowo ebeze kubuzisa.

11. Xa kunjalo abantu bakwaSirayeli baya kukuyeka ukuphambuka ezindleleni zam, bahlukane nokuzityikila ngezikreqo zabo. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

12. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

13. “Mntundini, xa lithe ilizwe landona ngokungathembeki, ndaza ndalohlwaya ngokuvalela ukuba lingakufumani ukutya, ukuze abantu balo nezilwanyana zalo zife yindlala,

14. ngokwenene ke nokuba la madoda mathathu, uNowa, noDaniyeli, noYobi, bebenokuba kwelo zwe, bebeya kuzisindisa bona kuphela ngenxa yobulungisa babo, itsho iNkosi uNdikhoyo.

15. “Okanye ndingathi ndithe ndathumela amarhamncwa asendle kweli lizwe, aze akashiya nempunde kulo, atsho layindawo engahanjwayo ngenxa yamarhamncwa,

16. ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba kwelo zwe ebengenakubasindisa oonyana neentombi zawo. Bekuya kusinda wona kuphela, libe lona ilizwe lisebugxwayibeni.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 14