Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 14:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. “Kungenjalo ngendithumela ubhubhani kwelo zwe, ndiwukhuphele kulo umsindo wam, ndibulale abantu nemfuyo yabo ngempalalo-gazi.

20. Ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba babelapho, ooNowa, noDaniyeli, noYobi, bebengenakuyisindisa nentsapho yabo. Bebeya kuzisindisa bona bodwa ngenxa yobulungisa babo.

21. “Kaloku itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: IJerusalem ndingayigweba ndiyithumele ngezibetho ezine, ezona zibi – imfazwe, nendlala, namarhamncwa, nobhubhani – ndibulale abemi bayo kunye nemfuyo yabo.

22. Naxa kunjalo baya kubakho abasindayo – oonyana neentombi abaya kubhunca esixekweni. Baya kuphuma beze kuni, niyibone imikhwa yabo nezenzo zabo, nize nizibonele ngokwenu isizathu sokuba iJerusalem ndiyithumele ngentlekele – nditsho yonke intlekele endiyizisele yona.

23. Ewe, niya kuzibonela ngokwenu, nixole yakubonakala kuni imikhwa yabo nezenzo zabo, niqonde ukuba andifumananga ndakwenza konke endakwenzayo kwiJerusalem, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 14