Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 14:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amanye amadoda amakhulu akwaSirayeli eza kum, afika ahlala phambi kwam.

2. Ndaza ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

3. “Mntundini, la madoda aqulathe *izithixo ezintliziyweni zawo, aza abeka izikhubekiso ezikhohlakeleyo phambi kobuso bawo. Ndiwavumele na ukuba abe nento ayibuzayo kum?

4. Ngako oko thetha nawo uwaxelele uthi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xeshikweni nawuphi na umSirayeli equlathe izithixo entliziyweni yakhe, waza wabeka isikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, aze aye *kumshumayeli, uya kuphendulwa ndim Ndikhoyo siqu ngokunqula kwakhe izithixo okungaka.

5. Oku ndiya kukwenzela ukubuyisa iintliziyo zabo bonke abantu bam bakwaSirayeli, abathe bandilahla ngenxa yezithixo.’

6. “Ngoko ke yithi kwindlu kaSirayeli: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Guqukani, nishenxe kwizithixo zenu, nahlukane nezenzo zenu zamanyundululu!’

7. “Xeshikweni nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli uthe wazikhwebula kum, waza waqulatha izithixo entliziyweni yakhe, wabeka nesikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, asuke aye kubuza ngam kumshumayeli, mna Ndikhoyo ndiya kumphendula ngokwam.

8. Ndoyichasa loo ndoda, ndiyenze umzekelo nondaba-mlonyeni. Ndiya kuyishenxisa ebantwini bam. Niya kuqonda ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo.

9. “Ukuba umshumayeli uthe walukuhlwa washumayela into engeyiyo, uya kuba ulahlekiswe ndim Ndikhoyo. Ke mna ndiya kusolula isandla sam, ndimtshabalalise angabikho phakathi kwabantu bam amaSirayeli.

10. Baya kusithwala isono sabo – isono somshumayeli siya kulingana nesalowo ebeze kubuzisa.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 14