Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 13:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Mntundini, shumayela ngokuchaseneyo *nabashumayeli bakwaSirayeli abashumayela izinto abazikha engqondweni yabo, uthi kubo: Phulaphulani ilizwi likaNdikhoyo!

3. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ‘Yeha iziyatha zabashumayeli ezinkqubo ihamba ngokweentliziyo zabo, bengakhange babe nawo umbono.’

4. Abashumayeli bakho, Sirayeli, banjengempungutye enxiweni.

5. Anizidubanga ngokuvingca iintanda, nilungisa udonga, nisenzela indlu kaSirayeli, khon' ukuze yomelele edabini ngomhla kaNdikhoyo.

6. Banemibono ephuthileyo; izihlabo zabo zibubuxoki. Bathi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ kodwa engabathumanga; kanti kuyo yonke loo nto balindele ukuba udaba lwabo lufezekiswe.

7. Anibangwa yimibono ephuthileyo nezihlabo zobuxoki xa nisithi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ ndibe mna ndingathethanga?

8. “Ke ngoko ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yamazwi enu aphuthileyo, nemibono ebubuxoki, mna ndichasene nani, itsho iNkosi uNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 13