Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 13:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: Emsindweni wam ndiza kwenza kubekho inkanyamba eya kuba nesichotho nezandyondyo zemvula eya kutshabalalisa.

14. Ndiya kuludiliza udonga eniluqabe ikalika, nditsho luthi bhuma phantsi, kuvele isiseko salo. Luya kunityumza nife nina xa ludilikayo. Niya kwazi mhlophe xa kunjalo ukuba ndinguNdikhoyo.

15. “Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –

16. nditsho abashumayeli bakwaSirayeli ababeshumayela eJerusalem, benemibono yoxolo kuyo, kanti kwakungekho xolo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.’

17. “Ke ngoku, mntundini, zifulathele iintombi zabantu bakowenu ezishumayela intshumayelo eziyikha engqondweni. Zikhalimele

18. uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?

19. Nindinyelisile kubantu bam ngenxa yezityana ezimbalwa zerhasi neengqweqwe zesonka. Ngokubaxokisa abantu bam ababuphulaphulayo ubuxoki, nibulele ababefanele ukungafi, nasindisa abo babemele ukufa.’

20. “Ithi ke iNkosi uNdikhoyo: Ndichasene nezo zihombo zenu zinyangiweyo enibambisa ngazo abantu ngathi ziintaka, ndaye ndiza kuziqhawula ezingalweni zenu; ndiza kubakhulula abo bantu nibabambise okweentaka.

21. Ndiya kuzikrazula izigqubuthelo zenu, ndibasindise abantu bam kuni, baze bangabuye baphinde babe phantsi kweempembelelo zenu. Noqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.

22. Ngenxa yokuwatyhafisa amalungisa ngobuxoki benu ngaphandle kwam, nangenxa yokukhuthaza kwenu abakhohlakeleyo ukuba bangaguquki kwinkohlakalo yabo ukuze businde ubomi babo,

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 13