Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 13:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

2. “Mntundini, shumayela ngokuchaseneyo *nabashumayeli bakwaSirayeli abashumayela izinto abazikha engqondweni yabo, uthi kubo: Phulaphulani ilizwi likaNdikhoyo!

3. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ‘Yeha iziyatha zabashumayeli ezinkqubo ihamba ngokweentliziyo zabo, bengakhange babe nawo umbono.’

4. Abashumayeli bakho, Sirayeli, banjengempungutye enxiweni.

5. Anizidubanga ngokuvingca iintanda, nilungisa udonga, nisenzela indlu kaSirayeli, khon' ukuze yomelele edabini ngomhla kaNdikhoyo.

6. Banemibono ephuthileyo; izihlabo zabo zibubuxoki. Bathi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ kodwa engabathumanga; kanti kuyo yonke loo nto balindele ukuba udaba lwabo lufezekiswe.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 13