Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 13:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

2. “Mntundini, shumayela ngokuchaseneyo *nabashumayeli bakwaSirayeli abashumayela izinto abazikha engqondweni yabo, uthi kubo: Phulaphulani ilizwi likaNdikhoyo!

3. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ‘Yeha iziyatha zabashumayeli ezinkqubo ihamba ngokweentliziyo zabo, bengakhange babe nawo umbono.’

4. Abashumayeli bakho, Sirayeli, banjengempungutye enxiweni.

5. Anizidubanga ngokuvingca iintanda, nilungisa udonga, nisenzela indlu kaSirayeli, khon' ukuze yomelele edabini ngomhla kaNdikhoyo.

6. Banemibono ephuthileyo; izihlabo zabo zibubuxoki. Bathi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ kodwa engabathumanga; kanti kuyo yonke loo nto balindele ukuba udaba lwabo lufezekiswe.

7. Anibangwa yimibono ephuthileyo nezihlabo zobuxoki xa nisithi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ ndibe mna ndingathethanga?

8. “Ke ngoko ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yamazwi enu aphuthileyo, nemibono ebubuxoki, mna ndichasene nani, itsho iNkosi uNdikhoyo.

9. Isandla sam siya kuba gadalala kwabo bashumayeli babona imibono ephuthileyo, behlaba izihlabo ezibubuxoki. Abayi kuba ngamaphakathi equmrhu labantu, namagama abo akayi kubhalwa kwimiqulu yendlu kaSirayeli, bengayi kuvunyelwa ukuba banyathele kumhlaba kaSirayeli. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.

10. “Ngenxa yokulahlekisa abantu bam ngokuthi: ‘Luxolo,’ lube lona uxolo lungekho, nokuthi ziqatywe ngekalika iindonga ezakhiwe zaethe-ethe,

11. mabaxelelwe abo baziqabileyo ukuba ziza kudilika. Ziza kufika zona iziphango ezinezichotho ezikhulu nezivondoviya zomoya.

12. Xa ke sezidilika iindonga abantu baya kunibuza bathi: ‘Iphi ikalika ebeziqatywe yona?’

13. “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: Emsindweni wam ndiza kwenza kubekho inkanyamba eya kuba nesichotho nezandyondyo zemvula eya kutshabalalisa.

14. Ndiya kuludiliza udonga eniluqabe ikalika, nditsho luthi bhuma phantsi, kuvele isiseko salo. Luya kunityumza nife nina xa ludilikayo. Niya kwazi mhlophe xa kunjalo ukuba ndinguNdikhoyo.

15. “Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –

16. nditsho abashumayeli bakwaSirayeli ababeshumayela eJerusalem, benemibono yoxolo kuyo, kanti kwakungekho xolo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.’

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 13