Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 10:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndajonga ndaza ndabona into engathi sisihlalo sekumkani esenziwe ngelitye lesafire, sithe zinzi esibhakabhakeni ngasentla kweentloko *zezithunywa ezimaphiko.

2. Waza *uNdikhoyo wathi kwindoda enxibe izambatho zelinen: “Ngena phakathi kwamavili lawa aphantsi kwezithunywa ezimaphiko, uzalise izandla zakho ngamalahle avuthayo, uwasasaze phezu kwesi sixeko.” Wangena ndikhangele njalo.

3. Izithunywa ezimaphiko zazimi kwicala lasezantsi endlwini kaThixo ngeli xesha indoda ingenayo. Inkundla ephakathi yayigqunywe lilifu.

4. Baza ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bafunquka phezu kwesithunywa esimaphiko, baya kuthi zinzi emnyangweni wendlu kaThixo. Yazala mome indlu kaThixo lilifu, yona inkundla yazala bubukhazikhazi bobuqaqawuli bukaNdikhoyo.

5. Isandi samaphiko ezithunywa ezimaphiko savakala nakwinkundla engaphandle, ngathi lizwi likaThixo uSomandla xa ethetha.

6. UNdikhoyo wayalela umfo onezambatho zelinen wathi: “Thatha umlilo apho phakathi kwamavili emi ngakwizithunywa ezimaphiko.” Waza umfo lowo ke wema ngasevilini.

7. Esinye sezithunywa ezimaphiko sasolulela emlilweni isandla saso. Sakha umlilo lowo, sawugalela ezandleni zomfo onezinxibo zelinen, waza ke waphuma nawo. (

8. Kwakukho izinto ezingathi zizandla zomntu phantsi kwamaphiko ezithunywa ezo.)

9. Ndajonga ndabona amavili amane, lilinye ngakwisithunywa esimaphiko ngasinye; amavili ayebengezela okwekrizolite.

10. Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili.

11. Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 10