Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 1:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuHezekile umbingeleli, unyana kaBhuzi, engasemlanjeni oyiKebhare kwilizwe lamaKaledi. Kanye ngelo xesha ke wonganyelwa ngamandla kaNdikhoyo.

4. Ndathi ndakujonga ndabona umbono: Nâso isiphotshongwane sesaqhwithi sivela ngasentla, sitsho ngelifukazi elitshawuza umlilo, lithe wambu ubuqaqawuli. Emlilweni apho kwakudangazela into engathi sisinyithi esitshe sada sabomvu.

5. Kwalapho kwakukho isine sezidalwa eziphilayo, ezimilise okomntu.

6. Ngasinye kuzo sasinobuso obumacala mane namaphiko amane.

7. Imilenze yazo yayithe tswi, iinyawo zifana namanqina ethole. Zazibengezela okobhedu olugudisiweyo.

8. Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko.

9. Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.

10. Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi.

11. Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba.

12. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya.

13. Ngokwembonakalo ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo okanye izikhanyisi ezidangazelayo. Idangatye lomlilo lalisithi likwesi isidalwa libe likwesiya, kutshawuza nemibane kulo.

14. Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.

15. Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 1