Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 1:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba.

24. Zathi zakushukuma izidalwa, ndasiva isandi samaphiko azo, saba ngathi sisandi samanzi agqumayo, safana nezwi likaSomandla, sanjengengxokozelo yomkhosi. Zakuma zawasonga amaphiko.

25. Zathi zimi njalo ziwasongile amaphiko, kwavakala ilizwi, liphuma esibhakabhakeni ngasentla kweentloko zazo.

26. Kwakho nto ifana nesihlalo sesafire sokumkani esithe zinzi esibhakabhakeni, kungqendeve kuso into enembonakalo yomntu.

27. Ndaphawula ukuba ukusuka esinqeni kunyuke yayibonakala ngathi sisinyithi esitshe sada sabomvu, kanti ukuhla yayibonakala ingumlilo, iyonke irhangqwe kukukhanya okuqaqambileyo.

28. Oku kukhanya nqwa nomnyama emafini mhla kunayo. Nguwo lowo ke umbono wobuqaqawuli nobungangamsha bukaNdikhoyo.Ndithe tywaa phantsi ngesisu ndakuwubona lo mbono, ndaza ndeva ilizwi lothethayo,

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 1