Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 1:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngomhla wesihlanu kwinyanga yesine yonyaka wamashumi amathathu kwathi ndihleli nabanye abathinjwa phezu komlambo oyiKebhare, asuka avuleka amazulu, ndaza ndabona imibono ephathelele kuThixo.

2. Ngomhla wesihlanu enyangeni, ngonyaka wesihlanu wokuthinjwa kukakumkani uYoyakin,

3. lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuHezekile umbingeleli, unyana kaBhuzi, engasemlanjeni oyiKebhare kwilizwe lamaKaledi. Kanye ngelo xesha ke wonganyelwa ngamandla kaNdikhoyo.

4. Ndathi ndakujonga ndabona umbono: Nâso isiphotshongwane sesaqhwithi sivela ngasentla, sitsho ngelifukazi elitshawuza umlilo, lithe wambu ubuqaqawuli. Emlilweni apho kwakudangazela into engathi sisinyithi esitshe sada sabomvu.

5. Kwalapho kwakukho isine sezidalwa eziphilayo, ezimilise okomntu.

6. Ngasinye kuzo sasinobuso obumacala mane namaphiko amane.

7. Imilenze yazo yayithe tswi, iinyawo zifana namanqina ethole. Zazibengezela okobhedu olugudisiweyo.

8. Zazinezandla zomntu phantsi kwamaphiko macala omane. Zone izidalwa zazinobuso namaphiko.

9. Ayayamene ngamacala amaphiko. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki.

10. Babunje ubuso bazo: Ngasinye kuzo sasinobuso bomntu, nobuso bengonyama kwicala lasekunene, nobuso benkabi yenkomo kwicala lasekhohlo, kwanobuso bokhozi.

11. Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko ayetwezwe ajonga phezulu. Amaphiko amabini esidalwa ngasinye ayeyamene ngamacala nawezinye izidalwa, kodwa amabini ethe wambu umzimba.

12. Isidalwa ngasinye sasihamba ngqo, singajika-jiki, sisiya kwelo cala sikhokelelwa kulo nguMoya.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 1