Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 1:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa?

5. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.

6. Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’

7. “Utsho ke uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.

8. Khaninyuke ezintabeni, nize nemithi, niyakhe indlu yam. Ndokholiswa yiyo, ndize ndizimaseke,’ utsho uNdikhoyo.

9. ‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu.

10. Kungenxa yenu ke ngoko ukuba izulu liwubambe umbethe walo, nomhlaba utsho ungavelisi nto.

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 1