Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 1:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wokuqala kwinyanga yesithandathu kunyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi. Lalibhekiswa kwirhuluneli yamaJuda uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, kunye nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, lisithi:

2. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Aba bantu bathi: “Eli alikabi loxesha lokuyakha indlu kaNdikhoyo.” ’ ”

3. Ke ilizwi likaNdikhoyo lafika kumshumayeli uHagayi lisithi:

4. “Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa?

5. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 1