Kaloku amehlo akho amsulwa,akangede ajongane nobubi,ungenako nokunyamezela ubugwenxa.Ngani ukuba ubabukele abakreqi?Kutheni wathi cwaka xa kunje,xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?