Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:31-34 Ibhayibhile (XHO96)

31. Ke kaloku ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yokuqala sanduluka kumlambo waseAhava, sasinga eJerusalem. Isandla sikaThixo wethu saba phezu kwethu, wasikhusela ezintshabeni zethu nakwizikrelemnqa zendlela.

32. Saya kufika eJerusalem, saza ke saphumla iintsuku zantathu.

33. Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi.

34. Yonke ke into eyayilapho yabalwa ngamanani nangobunzima, kwaza ke kwangelo thuba kwabhalwa phantsi.

funda isahluko epheleleyo Uezra 8