Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:2-18 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kwinzala kaPineyasi nguGershom,kwinzala kaItamare nguDaniyeli,kwinzala kaDavide nguHatushe

3. kaShekaniya;kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;

4. kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;

5. kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;

6. kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;

7. kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;

8. kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;

9. kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;

10. kwinzala kaBhaniEli gama livela kuphela kwinguqulo yamandulo yesiGrike yeTestamente eNdala nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;

11. kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;

12. kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;

13. kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;

14. kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.

15. Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi.

16. Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi.

17. Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.

18. Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda,

funda isahluko epheleleyo Uezra 8