Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:16-27 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi.

17. Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.

18. Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda,

19. kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda.

20. Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.

21. Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako.

22. Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.”

23. Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

24. Ndamisela ababingeleli abaphambili abalishumi elinambini, inguSherebhiya noHashabhiya neshumi kubantakwabo.

25. Ndabalinganisela umnikelo wesiliva negolide nezo zinto zazinikelwe ngukumkani, abacebisi bakhe, amaphakathi akhe, naye wonke umSirayeli owayekhona, benikelela indlu kaThixo wethu.

26. Nanku ke umlinganiso wezinto endabanika zona:Isiliva: ama-22 eetoni;izitya zesiliva ezili-100: ama-70 eekhilogram;igolide: ama-3 400 eekhilogram;

27. iindebe zegolide ezingama-20: isi-8 esinesiqingatha seekhilogram;iindebe zobhedu ezi-2: zazilingana neendebe zegolide ngexabiso.

funda isahluko epheleleyo Uezra 8