Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nazi iinkulu zezindlu ezabuya kunye nam, zikunye namawazo awayebhaliswe nazo, zivela eBhabheli ngemihla kakumkani uAtashasta:Okanye “uAtazezesi”

2. Kwinzala kaPineyasi nguGershom,kwinzala kaItamare nguDaniyeli,kwinzala kaDavide nguHatushe

3. kaShekaniya;kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;

4. kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;

5. kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;

6. kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;

7. kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;

8. kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;

9. kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;

10. kwinzala kaBhaniEli gama livela kuphela kwinguqulo yamandulo yesiGrike yeTestamente eNdala nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;

11. kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;

funda isahluko epheleleyo Uezra 8