Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 7:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kolu hambo lwakhe waphuma eBhabheli ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, waza wagaleleka eJerusalem ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu, kuba kaloku isandla esikulunga sikaThixo wakhe sasiphezu kwakhe.

10. Kaloku uEzra wayezinikezele ekufundeni nasekuthobeleni umthetho kaNdikhoyo, ezimisele ukufundisa amaSirayeli yonke imimiselo nemiqathango yawo.

11. Nantsi ke ikopi yeleta eyanikwa uEzra ngukumkani uAtashasta.Okanye “uAtazezesi” UEzra lo wayengumchazi-mthetho, umfo ofundileyo ngakwimibandela yemiyalelo nemimiselo *kaNdikhoyo awayinikela uSirayeli:

12. “UAtashasta ukumkani wezikumkani, ubhalela umbingeleli uEzra, ongumchazi-mthetho kaThixo wezulu.“Ndiyabhotisa.

13. “Ngoku ndiwisa umyalelo wokuba onke amaSirayeli alapha kulo mbuso wam, afuna ukuya nawe eJerusalem, angahamba ndawonye nababingeleli nabaLevi.

14. Wena uthunywa ngukumkani ndawonye nabacebisi bakhe abasixhenxe, ukuba uye kuqonda ngoJuda neJerusalem malunga nomthetho kaThixo wakho, lowo uwuphethe ngesandla.

15. Ngaphezu koko ke thatha isiliva negolide engumnikelo wokuqhutywa yintliziyo kakumkani nabacebisi bakhe, abawunika uThixo kaSirayeli ondlu yakhe iseJerusalem.

16. Uze uthathe nayo yonke isiliva negolide ongayifumanayo kweli phondo laseBhabheli, ndawonye neminikelo yabantu nababingeleli yokuqhutywa yintliziyo, besenzela indlu yoThixo wabo eseJerusalem.

17. Ngale mali ke uze ungaphazami ukuthenga iinkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namaxhwane angamaduna, kananjalo ufune nezinto zeminikelo yeenkozo naleyo ithululwayo, wenze ngazo amadini eqongeni lendlu yoThixo wakho eJerusalem.

18. “Ngeseleyo ke isiliva negolide, ungadibana namawenu amaJuda nenze loo nto niyibona ifanelekile ngokwentando yoThixo wenu.

19. Zonke izinto ozinikelweyo zonqulo kwindlu yoThixo wakho uze uzinikezele kuThixo waseJerusalem.

20. Nantoni na eyenye efunekayo kwindlu yoThixo wakho leyo kufuneka uyikhuphile yophuma koovimba bakomkhulu.

21. “Ke mna kumkani uAtashasta ndiwisa umyalelo wokuba yonke into efunwa ngumbingeleli uEzra, umchazi-mthetho kaThixo wezulu, ize iqwalaselwe ikhutshwe koovimba bakwelentshona ye-Efrati.

funda isahluko epheleleyo Uezra 7