Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 6:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kananjalo ke ndiwisa umyalelo wokuba nabani na owujikayo lo mthetho, ze kuncothulwe umqadi endlwini yakhe, axhonywe abethelelwe kuwo, ke yona indlu yakhe yenziwe indawo yangasese ngenxa yelo tyala.

12. Ke kaloku uThixo owamisa igama lakhe khona apho, ngamana wamkhiqa nawuphi na ukumkani naye nabani na ozama ukujika lo mthetho okanye ofuna ukutshabalalisa le ndlu kaThixo iseJerusalem.“ ‘Ndim mna Dariyo owisa lo myalelo. Ngoko ke mawufezekiswe ngentumekelelo.’ ”

13. Ngoko ke ngenxa yaloo myalelo kakumkani uDariyo, uTatenayi umlawuli wakwelentshona ye-Efrati noSheta-bhozenayi kunye namahlakani abo bawufezekisa ngenyameko loo mthetho.

14. Ke amadoda amakhulu amaJuda aqhubela phambili ekwakheni, aba nenkqubela ephenjelelwa ziintshumayelo *zomshumayeli uHagayi noZakariya umzukulwana kaIdo. Bagqiba ke ukuyakha indlu leyo, ngokomyalelo kaThixo kaSirayeli ndawonye nemiyalelo kaKoreshi, uDariyo noAtashasta ookumkani basePeshiya.

15. Ke indlu kaThixo yagqitywa ngomhla wesithathu kwinyanga uAdare, ngonyaka wesithandathu wolawulo lukakumkani uDariyo.

16. Ke amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nabo bonke ababuyileyo ekuthinjweni, benza itheko lokubhiyozela ukuvulwa kwendlu kaThixo, bonwabile.

17. Ekuvulweni kwendlu kaThixo banikela ngekhulu leenkunzi zeenkomo, amakhulu amabini eenkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna angamakhulu amane, ngokunjalo neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zedini lesono ngenxa kaSirayeli ephela – ibhokhwe enye kwindlu nganye kaSirayeli.

18. Bamisela ababingeleli ngokwezindlu zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, ukuze benze umsebenzi kaThixo eJerusalem, ngokomyalelo obhalwe kwincwadi kaMosis.

19. Ke kaloku ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yokuqala abathinjwa ababuyileyo bayibhiyozela iPasika.

20. Ababingeleli kunye nabaLevi babezihlambulule befanelekile. AbaLevi babaxhelela ixhwane lePasika bonke abathinjwa ababuyileyo; ngokunjalo namawabo ababingeleli, nabo ngokwabo bazixhelela.

21. Ngoko ke onke amaSirayeli abuyileyo alitya, ndawonye nabo bonke ababezahlule kwimikhwa engcolileyo yeentlanga ababemelene nazo, ukuze bafune *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

22. Yaba ziintsuku ezisixhenxe belibhiyozela ngemihlali iTheko leSonka esingaNyuswanga. Kaloku uNdikhoyo wayebathe jize ngovuyo ngokuguqula iimbono zokumkani waseAsiriya, ukuze abancedise kumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uezra 6