Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 5:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kananjalo siwabuzile namagama awo, khon' ukuze siwabhale aweenkokheli zawo, sikwazise ngawo.

11. “Aphendula ngolu hlobo ke, athi:“ ‘Thina sizizicaka zikaThixo wezulu nehlabathi. Ngoku ke sivusa indlu eyayakhiwe kwiminyaka yamandulo – yayakhiwe yagqitywa yingangalala yokumkani wakwaSirayeli.

12. Kambe ke oobawo bamcaphukisa uThixo wezulu, waza wabanikela kuNebhukadenezare umKaledi, ukumkani waseBhabheli. Nguye ke owayidilizayo le ndlu, waza wabathimba abantu, wabasa eBhabheli.

13. “ ‘Kwathi ke kunyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi lowo wawisa umyalelo wokuba mayakhiwe le ndlu kaThixo.

14. Kwindlu yothixo waseBhabheli wazikhupha izitya ezenziwe ngegolide nezesiliva eyayizezendlu kaThixo, zaza zathathwa nguNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem, waya nazo kwindlu yothixo wakhe eBhabheli.“ ‘Ke ukumkani uKoreshi lowo wazinikezela kumfo ogama linguSheshbhazare, awayemmisele ukuba abe ngumlawuli,

15. waza wamyalela wathi: “Thatha ezi zitya, uzise endlwini kaThixo eJerusalem, uze uyakhe indlu kaThixo leyo esizeni sayo.”

16. Ngokunjalo ke uSheshbhazare lowo waza wafika wasimisa isiseko sendlu kaThixo apho eJerusalem. Ukusukela kuloo mini ke, kude kube namhlanje, yakhiwa okokoko, kodwa ayikagqitywa.

17. “ ‘Ngoko ke, ukuba kukholekile kukumkani, makhe kwenziwe uphando kumaxwebhu eembali zekomkhulu laseBhabheli, ukuze kucace ukuba ukumkani uKoreshi ngenene wayewise umyalelo na wokuba mayivuswe indlu kaThixo eJerusalem. Kamva ke, mhlekazi, wosithumelela isigqibo sakho ngalo mbandela.’ ”

funda isahluko epheleleyo Uezra 5