Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 3:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Bathe abakhi bakusimisa isiseko sendlu kaNdikhoyo, ababingeleli bevathe ezobubingeleli, bephethe amaxilongo, abaLevi bona (oonyana baka-Asafu) bephethe amacangci, bebonke bema ngeendawo zabo, badumisa uNdikhoyo ngokommiselo kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

11. Bantyiloza bebonga bedumisa uNdikhoyo, besithi:“Hayi kambe ukulunga kwakhe!Izibele zakhe kuSirayeli zimi ngonaphakade.”Bonke ke abantu bahlokoma ngentswahla, bekhahlela kuNdikhoyo ngenxa yokumiswa kweziseko zendlu kaNdikhoyo.

12. Ke bona abadala ababingeleli nabaLevi neenkulu zezindlu, ababeyazi indlu yantlandlolo, ababanga nakuzibamba, koko basuka bangqukruleka bakusibona simiswa isiseko sendlu kaThixo. Ke bona abanye batsho ngentswahla luvuyo.

13. Yaba yintsholo nje engazekiyo nokuba yimikhwazo yovuyo na okanye zizikhalo. Kaloku abantu basuka batsho ngamayeyeye, ntsholo leyo yayivakala nakude.

funda isahluko epheleleyo Uezra 3