kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 1 Ibhayibhile (XHO96)

UKoreshi ukhulula abathinjwa

1. Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:

2. “Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.

3. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.

4. Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”

5. Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem.

6. Bonke abamelwane babo babancedisa ngezinto zesiliva, nezegolide, nenye impahla, nangemfuyo, nezipho ezixabisekileyo, ndawonye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

7. Kananjalo ke ukumkani uKoreshi wayikhupha impahla eyayisetyenziswa endlwini kaNdikhoyo, leyo yayithinjwe nguNebhukadenezare eJerusalem waza wayibeka endlwini yothixo wakhe.

8. Ukumkani uKoreshi wasePeshiya wathi mayikhutshwe nguMitredati unondyebo, owazibalayo wazinikezela kuSheshbhazare itshawe lakwaJuda.

9. Ngawo la ke amanani azo: izitya zegolide 30 izitya zesiliva 1 000 iipani zesiliva 29

10. iindebe zegolide 30 iindebe zesiliva eziyeleleneyo 410 ezinye izitya 1 000

11. Zizonke ke ezi zinto zingamawaka amahlanu anamakhulu amane, izezegolide nezesiliva. Xa bagodukayo ke abathinjwa bephuma eBhabheli besiya eJerusalem, uSheshbhazare wazithatha bahamba nazo.