Akufika ekhaya wabalisela umkakhe uZereshi kunye nezihlobo zakhe zonke ngako konke okwakumhlele ngaloo mini.Ke abacebisi bakhe ndawonye nomkakhe uZereshi bathi kuye: “Ukuba ke lo mfo unguModekayi okuthobe kangaka engowohlanga lwamaJuda, akunako ukumelana naye – ngokuqinisekileyo wena uza kutshabalala!”